Kuthe ke kunyaka weshumi elinambini kakumkani uAsuwerosi, ngenyanga yokuqala uNisan, kwenziwa ipuri (liqashiso ke elo), kukhethwa usuku nenyanga. Elo qashiso ke laphuma nenyanga yeshumi elinambini uAdari.