kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uestere 10 Ibhayibhile (XHO96)

Ubuhandiba bukaModekayi

1. Ke kaloku ukumkani uAsuwerosi wamisela irhafu kulo lonke ilizwe lombuso wakhe, wada wee xhaxhe ngeziqithi zolwandle.

2. Yonke ke imisebenzi yakhe nobungangamsha bakhe, ndawonye nengcombolo epheleleyo ngobuhandiba bukaModekayi obo wanyuselwa kubo ngukumkani, xa kukonke, nâko kubhalwe encwadini yeembali zookumkani bamaMedi namaPeshiya.

3. Ke uModekayi umJuda apho kuloo mbuso wayelisekela likakumkani uAsuwerosi, engobalaseleyo phakathi kwamaJuda, exatyiswe gqitha ngamawabo amaJuda. Kaloku yena wayesebenzela inkqubela yabantu bakowabo, eyimele intlala-kahle yamawabo.