Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 9:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Asiziphulaphulanga izicaka zakho abashumayeli ababethetha egameni lakho belumkisa izikumkani zethu, iziphathamandla, oobawo, nabantu bonke bakowethu.

7. “Ke wena, Mhlekazi, ulilungisa, ukanti ke thina sigutyungelwe lihlazo njengoko kunjalo nanamhla. Xa sisonke thina sinjalo, thina bemi belakwaJuda, naseJerusalem, namaSirayeli onke owawasarhaza ezizweni, kwezikude nakwezikufuphi, ngenxa yokungathembeki kwawo.

8. Ewe, Ndikhoyo, sihlelwe lihlazo; ookumkani bethu neziphathamandla, ndawonye noobawo-mkhulu, xa sisonke sonile kuwe.

9. Kambe ke, wena Mhlekazi, Thixo wethu, nangona sakuvukelayo, uhlala unemfesane uxolela.

10. Wena Ndikhoyo, Thixo wethu, asikuphulaphulanga, asihambanga ngokwemiyalelo yakho owasinika yona ngezicaka zakho abashumayeli.

11. USirayeli ephela uyigqithile imithetho yakho, waphambuka akavuma ukulithobela izwi lakho.“Ngenxa yokona kwethu ke uNdikhoyo uzithulule phezu kwethu zonke iziqalekiso ngokwesifungo sakhe esibhaliweyo emthethweni kaMosis isicaka sakhe.

12. Ngale ntlekele ingaka uwafezekisile amazwi awasilumkisa ngawo thina neenkokheli zethu. Ehlabathini jikelele iJerusalem uyohlwaye ngqongqo ngendlela engazange yabakho.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 9