Ke mna Daniyeli ndatsho ndaphelelwa ngamandla, ndaba neentsukwana ndigula. Phofu ke ndabuya ndaphakama ndaya kumsebenzi wam endandiwuphathiswe ngukumkani. Kambe ke ndahlala ndikhwankqisiwe ngulo mbono kungekho bani unokuwuqonda.