Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 7:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ke kaloku, ndisabukele njalo, olo phondo lwabahlasela abantu abangcwele bakaThixo laboyisa,

22. kwada kwafika iNyange elimihla ingapheliyo, laza labagwebela abo bangabantu abangcwele bakaPhezukonke. Kananjalo ke lasuka lathwasa ixesha lokuba ulawulo lube lolwabantu bakaThixo.

23. “Waqhuba ke endichazela esithi: ‘Eli rhamncwa lesine ngumbuso wesine oya kubakho apha emhlabeni. Wona awuyi kufana neminye. Wona uya kulinqwamza ihlabathi liphela, ulinyhashe, ulikroboze.

24. Ezo mpondo zilishumi ke zithetha ookumkani abalishumi abaya kuvela kuloo mbuso. Kananjalo emva kwabo kuya kuvela omnye ukumkani owahlukileyo kwabo bamanduleleyo. Ke yena uya kuboyisa ookumkani abathathu.

25. Uya kuthetha amazwi achasene noPhezukonke, abatshutshise abantu abangcwele bakaPhezukonke. Uya kuzimisela ukuyijika imithetho yabo, ngokunjalo namaxesha amatheko abo. Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke baya kunikelwa esandleni sakhe ithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha.

26. “ ‘Kambe ke inkundla yaphezulu iya kuhlangana, imhluthe ulawulo lwakhe, lutshitshiswe, luphele ngonaphakade.

27. Ke kaloku ubukhosi namagunya nobuhandiba bazo zonke izikumkani zehlabathi buya kunikezelwa kubantu abangcwele abalusapho lukaPhezukonke. Ke kaloku ulawulo lwaloo mbuso aluyi kuba nasiphelo, zaye ke zonke izikumkani zehlabathi ziya kuwuthobela ziwululamele.’

28. “Iphela apha ke le ngcombolo. Mna Daniyeli ndothuke gqitha ndakucinga ngezi zinto, bada nobuso bam bathi rhubaxa. Kambe ke yonke le nyewe ndayigcina entliziyweni yam, ndayetyisa.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 7