Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wavuya gqitha ke ukumkani, waza wayalela ukuba uDaniyeli akhutshwe apho emngxunyeni. Akukhutshwa ke wafumaniseka engenawo nomkrwelo lo, kuba kaloku yena wayekholose ngoThixo wakhe.

24. Ukumkani ke wayalela ukuba abanjwe loo madoda ayemangalele uDaniyeli. Wathi makathathwe neentsapho zawo, abafazi nabantwana, baza ke bebonke baphoswa apho emngxunyeni weengonyama. Bathi ke, bengekafiki nasezantsi, zabaganga iingonyama, zawanqwamza amathambo abo.

25. Ngoko ke ukumkani uDariyo wabhalela zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi ehlabathini jikelele, wathi: “Ngamana kunganda ngokugqithisileyo ukonwaba kuni nonke!

26. Ndigunyazisa kulo lonke kulo mbuso wam ukuba wonke umntu makamoyike amhlonele amthobele uThixo kaDaniyeli.“Kuba yena nguThixo ophilayo,uThixo okhoyo ngonaphakade.Umbuso wakhe soze utshatyalaliswe;ulawulo lwakhe alunasiphelo.

27. Yena kaloku uyahlangula, yaye esindisa.Ungumenzi wemiqondiso kwanemimangalisoemazulwini kanti nalapha emhlabeni.Nguye lo umhlanguleyo uDaniyeli,wamsindisa emandleni eengonyama.”

28. Ke kaloku uDaniyeli lo waba nempumelelo ngemihla yolawulo lukaDariyo, ngokunjalo nakwimihla yokulawula kukaKoreshi umPeshiya.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6