Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 6:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku kwakholeka kuDariyo ukumisela iirhuluneli ezilikhulu elinamashumi amabini, ukuze zongamele kwiindawo ngeendawo zombuso lowo.

2. Phezu kwazo ke watyumba abongameli abathathu, waza ke uDaniyeli wangomnye wabo. Abongameli aba ke babesenzelwa ingxelo zezi rhuluneli, khon' ukuze ukumkani angalahlekelwa.

3. UDaniyeli ke wazibalula koogxa bakhe ababini kunye neerhuluneli ngesimo sakhe esihle, kangangokuba ukumkani wazimisela ukumnyusela ukuba ongamele bonke ubukumkani.

4. Oogxa bakhe abongameli kunye neerhuluneli bazama ukufumana isizathu sokumbeka ibala uDaniyeli mayela nomsebenzi wakhe wokulawula. Kambe ke zange baphumelele, kuba wayenyanisekile, engumfo okhutheleyo ongenabuqhetseba.

5. Athethana ke ngoku la madoda athi: “Hayi, bafondini, soze sizuze mhlaba wakummangalela lo Daniyeli ngaphandle kokuba kube malunga nokumthobela kwakhe uThixo wakhe.”

6. Ngoko ke aba bongameli bekunye neerhuluneli bahlangana, baya kukumkani uDariyo, bafika bathi: “Bayethe, mhlekazi! Phil' ud' ukhokhobe!

7. Xa sisonke thina bongameli, nezikhulu, neerhuluneli, namaphakathi, nabaphathiswa, sivumelene ukuba sikucele, mhlekazi, ukuba uwise umthetho onyanzelisayo ukuba kwithuba leentsuku ezingamashumi amathathu kungabikho mntu uthandaza nawuphi na uthixo okanye umntu ngaphandle kokuba athandaze kuwe, mhlekazi. Lowo waphule lo mthetho makaphoswe emngxunyeni weengonyama.

8. Ngoko ke, mhlekazi, wisa lo mthetho, uwubhale ube ngumthetho ongenakujikwa wamaMedi namaPeshiya.”

9. Ngoko ke ukumkani uDariyo wawubhala loo mthetho.

10. Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.

11. Ke kaloku laa madoda ahlangana ambhaqa uDaniyeli ethandaza etarhuzisa kuThixo wakhe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 6