Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:24-31 Ibhayibhile (XHO96)

24. Eso ke sisizathu esibangele ukuba uThixo athumele eso sandla sibhale lo mbhalo.

25. “Nantsi ke into ebibhaliwe: ‘Inani, inani; ubunzima; ukwahlula-hlula.’

26. Nantsi ke intsingiselo yala magama: ‘Inani’: uThixo ulibalile inani lemihla yolawulo lwakho, yaye ke uyinqamle.

27. ‘Ubunzima’: wena ubekwe esikalini, baza ubunzima bakho bafumaneka bunganeno.

28. ‘Ukwahlula-hlula’: urhulumente wakho wahlula-hlulwe wanikwa amaMedi namaPeshiya.”

29. Ngoko nangoko ke ukumkani uBhelshazare wayalela ukuba uDaniyeli anxitywe umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni. Waza ke wammisela wangowesithathu kubalawuli bobukumkani.

30. Kanye ngobo busuku uBhelshazare ukumkani wamaKaledi lowo wabulawa,

31. waza ke umbuso wathathwa nguDariyo umMedi owayemashumi mathandathu anambini eminyaka ubudala.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5