Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 5:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukumkani uBhelshazare wenzela iwaka lezikhulu zakhe ingxikela yombhiyozo, wasela iwayini kunye nazo.

2. Ithe ke isakuvakala intselo apho kukumkani wathi makulandwe izitya zegolide nezesiliva ezazithinjwe nguyise uNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem. Xa bebonke ke, ukumkani nezikhulu zakhe, nabafazi bakhe, ngokunjalo namaqadi akhe, babeza kutyela kuzo.

3. Ngenene ke zeziswa ezo zitya zegolide ezazithinjwe endlwini kaThixo eJerusalem, wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, ndawonye namakhosikazi akhe kunye namaqadi akhe.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 5