Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:27-37 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”

28. Yonke le nto yamhlela ukumkani uNebhukadenezare.

29. Emva kweenyanga ezilishumi elinambini wathi esahamba-hamba kumgangatho ophezulu apho ebhotwe komkhulu eBhabheli,

30. wasuka wathi: “Hayi ukuba sikhulu kwaso esi sixeko esiyiBhabheli! Ndim kaloku owasakhayo ngamandla am amakhulu. Ndasenza ikomkhulu lam ukuze siphuhlise isihomo nesithozela sam.”

31. Esathetha njalo ke kwavakala ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Kumkani Nebhukadenezare, naku okugqityiweyo ngawe: Uyawohluthwa onke amagunya akho obukumkani.

32. Uza kugxothwa ebantwini, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe de uvume ukuba uPhezukonke nguye ozilawulayo izirhulumente zabantu, yaye ke ulawulo ulunika nabani na athanda ukumnika.”

33. Kwangoko ke olu daba lwafezekiswa apho kuNebhukadenezare. Wagxothwa phakathi kwabantu, waya kutya ingca njengeenkomo. Walalelwa ngumbethe, zaza iinwele zakhe zaziingqajolo ezinjengeentsiba zokhozi, neenzipho zakhe zatsolo okwezentaka.

34. “Emva kwaloo mihla imisiweyo mna Nebhukadenezare ndakhangela ezulwini, kwatsho kwee dlwe, zabuya iingqondo! Ndambonga ke uPhezukonke, ndamdumisa ndamncoma lowo ungophilayo kude kuse ephakadeni.“Kaloku igunya lakhe aliyi kuba nasiphelo.nalo ulawulo lwakhe luhleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

35. Uluntu alunto yanto xa luthelekiswa naye,nkqu nempi yasezulwini iphantsi kwegunya lakhe,ngokunjalo ke nabantu emhlabeni apha.Ewe, akukho namnye unokusithintela isandla sakhe,kungekho namntu unokuthi kuye: ‘Yintoni le uyenzileyo?’

36. “Ndakubuyela ezingqondweni ke satsho sabuya isidima nobuhandiba bam, baza babuya nobungangamsha boburhulumente bam. Amaphakathi ndawonye nezikhulu zam zandifuna, ndabuyiselwa ngokuthe kratya ngobuhandiba esihlalweni sam.

37. Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.”

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4