Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:23-34 Ibhayibhile (XHO96)

23. Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’

24. “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.

25. Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.

26. Njengoko izithunywa zithe isikhondo sineengcambu zaso masishiywe emhlabeni, loo nto ithetha ukuba ulawulo lobuyiselwa kwakuwe, wakuba uvumile ukuba ngulowo usezulwini olawulayo.

27. Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”

28. Yonke le nto yamhlela ukumkani uNebhukadenezare.

29. Emva kweenyanga ezilishumi elinambini wathi esahamba-hamba kumgangatho ophezulu apho ebhotwe komkhulu eBhabheli,

30. wasuka wathi: “Hayi ukuba sikhulu kwaso esi sixeko esiyiBhabheli! Ndim kaloku owasakhayo ngamandla am amakhulu. Ndasenza ikomkhulu lam ukuze siphuhlise isihomo nesithozela sam.”

31. Esathetha njalo ke kwavakala ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Kumkani Nebhukadenezare, naku okugqityiweyo ngawe: Uyawohluthwa onke amagunya akho obukumkani.

32. Uza kugxothwa ebantwini, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe de uvume ukuba uPhezukonke nguye ozilawulayo izirhulumente zabantu, yaye ke ulawulo ulunika nabani na athanda ukumnika.”

33. Kwangoko ke olu daba lwafezekiswa apho kuNebhukadenezare. Wagxothwa phakathi kwabantu, waya kutya ingca njengeenkomo. Walalelwa ngumbethe, zaza iinwele zakhe zaziingqajolo ezinjengeentsiba zokhozi, neenzipho zakhe zatsolo okwezentaka.

34. “Emva kwaloo mihla imisiweyo mna Nebhukadenezare ndakhangela ezulwini, kwatsho kwee dlwe, zabuya iingqondo! Ndambonga ke uPhezukonke, ndamdumisa ndamncoma lowo ungophilayo kude kuse ephakadeni.“Kaloku igunya lakhe aliyi kuba nasiphelo.nalo ulawulo lwakhe luhleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4