Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:20-31 Ibhayibhile (XHO96)

20. Laa mthi uwubonileyo uluhalakahla olomelele lwakhula lwakrweca izulu, laza labonakala kulo lonke ihlabathi,

21. umthi omagqabi mahle kunene, oziqhamo zawo zanele uluntu lonke, umthi ekuphumla iinyamakazi emthunzini wawo, ngokunjalo neentaka zakhela emasebeni awo,

22. umthi lowo nguwe, mhlekazi. Kaloku wena ukhule wada wangukrwecizulu ngobungangamsha, lwaza ulawulo lwakho lwaya kutsho esiphelweni sehlabathi.

23. Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’

24. “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.

25. Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.

26. Njengoko izithunywa zithe isikhondo sineengcambu zaso masishiywe emhlabeni, loo nto ithetha ukuba ulawulo lobuyiselwa kwakuwe, wakuba uvumile ukuba ngulowo usezulwini olawulayo.

27. Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”

28. Yonke le nto yamhlela ukumkani uNebhukadenezare.

29. Emva kweenyanga ezilishumi elinambini wathi esahamba-hamba kumgangatho ophezulu apho ebhotwe komkhulu eBhabheli,

30. wasuka wathi: “Hayi ukuba sikhulu kwaso esi sixeko esiyiBhabheli! Ndim kaloku owasakhayo ngamandla am amakhulu. Ndasenza ikomkhulu lam ukuze siphuhlise isihomo nesithozela sam.”

31. Esathetha njalo ke kwavakala ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Kumkani Nebhukadenezare, naku okugqityiweyo ngawe: Uyawohluthwa onke amagunya akho obukumkani.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4