Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 4:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kwesi sithuba ke uDaniyeli, lo kuthiwa nguBhelteshazare, wasuka wee nkamalala umzuzwana ekhwankqisiwe. Ke ukumkani wathi kuye: “Hayi, wena Bhelteshazare, musa ukothuswa leli phupha nentsingiselo yalo.”UBhelteshazare ke waphendula wathi: “Mhlekazi, eli phupha nentsingiselo yalo akwaba belibhekiselele kwabakuthiyileyo nabakuchasayo.

20. Laa mthi uwubonileyo uluhalakahla olomelele lwakhula lwakrweca izulu, laza labonakala kulo lonke ihlabathi,

21. umthi omagqabi mahle kunene, oziqhamo zawo zanele uluntu lonke, umthi ekuphumla iinyamakazi emthunzini wawo, ngokunjalo neentaka zakhela emasebeni awo,

22. umthi lowo nguwe, mhlekazi. Kaloku wena ukhule wada wangukrwecizulu ngobungangamsha, lwaza ulawulo lwakho lwaya kutsho esiphelweni sehlabathi.

23. Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’

24. “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.

25. Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 4