Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 11:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka wokuqala wokulawula kukaDariyo umMedi ndenza isigqibo sokuba ndimxhase, ndimkhusele.”

2. “Olu daba ndikwazisa lona luyinyaniso. Uyabona, ePeshiya kuseza abanye ookumkani abathathu. Ke yena owesine uya kubabetha bonke abanye aba ngobutyebi. Xa athe womelela ngobo butyebi bakhe uya kubaxhokonxa abanye, ukuze kuvukelwane nombuso wamaGrike.

3. “Kweso sithuba ke kuya kuvela igorha lokumkani, alawule ngamagunya, esenza unothanda.

4. Kuya kuthi ke, xa umbuso wakhe sowumile ngxishi, usuke uqhekeke, wahluka-hlukane kwiimbombo zone zelimiweyo. Loo mbuso wakhe uya kutshitsha mpela, endaweni yakhe kungene ookumkani abangelilo igazi lakhe, futhi benganeno kuye ngamandla.

5. “Ke kaloku ukumkani wasezantsi uya kuba ngumfo owomeleleyo, kodwa enye yeenjengele zakhe iya kuthi chatha ngokomelela, nombuso wayo utshatshele.

6. Ekuhambeni kweminyaka ke ukumkani wasezantsi uya kwenza imvumelwano nokumkani wasentla, amendisele nentombi yakhe ukuwuqinisa loo mnqophiso. Kambe oko kwalamana kwabo akuyi kuhambela ndawo, koko intombi leyo iya kuphelelwa yimpembelelo yayo, noyise angabi sakhathalelwa. Yena neempelesi zakhe, kunye nowakwakhe noyise, baya kunikezelwa ngelo xesha.

7. “Emva koko ke ubukhosi buya kuthathwa sisizalwana sakowayo loo ntombi. Loo kumkani ke uya kuhlasela ukumkani wasentla, atsho phakathi enqabeni yakhe, ambethe amoyise.

8. Ke kaloku uya kuthimba izithixo zabo, nemifanekiso yabo etyhidiweyo, nazo zonke izinto ezixabisekileyo ezenziwe ngesiliva nezegolide, zibe ngamaxhoba, agoduke nazo aye eJiputa. Yoba yiminyaka ethile ke esamphumlele ukumkani wasentla.

9. Ukumkani wasentla ke yena uya kuxhoba aye kuhlasela ukumkani wasezantsi, kambe ke aphinde abuyele emhlabeni wakhe.

10. Oonyana bakhe ke baya kuxhobela imfazwe, bahlanganise umkhosi omkhulu. Lo mkhosi uya kuvuthuza ukhukulise ngathi ziimpuphuma, ulidudule idabi lide liye enqabeni yotshaba.

11. “Ukumkani wasezantsi uya kusukela phezulu ngomsindo, afunzele kukumkani wasentla, oya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, kodwa wona uya koyiswa.

12. Ukumkani wasezantsi uya kutsho azingce ke ngolo loyiso, kuba ebulele amawaka-waka amajoni; kambe ke akayi kuhlala esoyisa.

13. Kaloku ukumkani wasentla uya kubuya ahlanganise umkhosi othe nyi kunowakuqala, aze emva kweminyaka abuye nelo hlokondiba lomkhosi wakhe, exhob' ef' amacala.

14. “Ngelo thuba boba baninzi abamvukelayo ukumkani wasezantsi. Zoba zininzi nezakuni izibhoja ezimvukelayo ngenjongo yokuphumelelisa umbono othile; kodwa ke ziya kutshatyalaliswa.

15. Ke yena ukumkani wasentla uya kuza, afike isixeko esinqatyisiweyo asakhele udonga lokuhlasela, aze asithimbe. Amajoni asezantsi sobe abe nako ukumelana naye, noompondo-zihlanjiwe bawo boyisakale baphelelwe ngamandla,

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 11