Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 10:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kunyaka wesithathu uSirasi engukumkani wasePeshiya uDaniyeli okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare watyhilelwa udaba oluthile. Olo daba luyinyani, kodwa kunzima ukululandela. Kambe ke waluchazelwa ngombono.

2. Ngelo thuba ke mna Daniyeli ndazila iiveki zada zantathu.

3. Ndandingatyi kutya kodidi, nditsho nenyama nawayini zange ndizifake emlonyeni wam, yaye zange ndithambise nokuthambisa kwada kwadlula ezo veki zintathu.

4. Ke kaloku ngosuku lwamashumi amabini anesine kwinyanga yokuqala yonyaka ndandimi phezu komlambo omkhulu iHidekele.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 10