Ke iNkosi yamnikela esandleni sakhe uJoyakim ukumkani wakwaJuda, yathinjwa inxalenye yempahla yendlu kaThixo. Ezi zinto uNebhukadenezare waya nazo ezweni laseShinare, waya kuzifaka endlwini yothixo wakhe kwigumbi elinguvimba wobutyebi.