Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 1:18-21 Ibhayibhile (XHO96)

18. Ke kaloku yakuphela iminyaka emithathu leyo yayimiswe ngukumkani, intloko yamaphakathi akomkhulu yabathatha bonke abo bafana, yabasa kukumkani uNebhukadenezare.

19. Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu.

20. Kwimicimbi ephathelele kwezobulumko nengqiqo aba bafana bane baqaqamba kukumkani, kuba babemanelisa kuwo nawuphi na umbuzo, bebadlula kalishumi bonke abenzi bemilingo noosiyazi ababekhona kwelo zwe.

21. UDaniyeli lo ke wahlala apho komkhulu yada yangunyaka wokuqala kakumkani uSirasi.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 1