Testamente Endala

Testamente Entsha

Udaniyeli 1:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Nalo ke lavuma ukulwenza olo vavanyo lweentsuku ezilishumi.

15. Zakuphela ezo ntsuku uDaniyeli nabalingane bakhe abathathu bafumaniseka bephilile bondlekile ngaphezu kweentanga zabo ezazisitya kwimbiza kakumkani.

16. Ukususela ngoko ke igosa elo labanika imifino endaweni yokutya newayini yasebhotwe.

17. Aba bafana bane ke uThixo wabathi jize ngolwazi nobuchule kwizinto ezinjengoluncwadi nobulumko. Ewe, uDaniyeli wamenza wayincutshe ekuqondeni zonke iindidi zemibono namaphupha.

18. Ke kaloku yakuphela iminyaka emithathu leyo yayimiswe ngukumkani, intloko yamaphakathi akomkhulu yabathatha bonke abo bafana, yabasa kukumkani uNebhukadenezare.

19. Ke ukumkani wathi akuthetha nabo wafumana ukuba akukho namnye okumgangatho omnye noDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya. Ngoko ke bona bangeniswa emsebenzini wakomkhulu.

funda isahluko epheleleyo Udaniyeli 1