Testamente Endala

Testamente Entsha

Uamos 7:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”

3. UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.

4. Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.

5. Ndaza ndathi: “Nceda, Nkosi Ndikhoyo; pheza ngoku. Abantu bakwaYakobi baya kuphela, beziindwayi nje!”

6. UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe malunga nalo mba. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” itshilo iNkosi uNdikhoyo.

7. Naku eyandibonisa kona. INkosi yayimi ngaseludongeni olwalwakhiwe lumpuluswa, iphethe isixhobo sokulungelelanisa.

8. Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga.

funda isahluko epheleleyo Uamos 7