Testamente Endala

Testamente Entsha

Izililo 4:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu! Igolide ilahlekene nobukhazikhazi;suka eyona-yona yagqola!Amatye exabiso angcwele athe saa ekungeneni kwesitalato ngasinye.

2. Umlisela oliqhayiya laseZiyon,obufudula ixabiso lawo nqwa negolide,kodwa ngoku nqwa neembiza zomdongweezingumsebenzi wezandla zombumbi.

3. Neempungutye ziyancancisa, ziwondle amathole azo,kodwa abantu bam bangqwabalala njengenciniba yasentlango.

4. Iintsana zinxanwe lwada ulwimi lwee nca enkalakahleni.Abantwana bakhalela isonka, kodwa akukho mntu ubaphayo.

5. Ababefudula besitya izimuncu-muncu ngoku bazula-zula ezitalatweni behlwempuzekile.Ababekhula benxiba ezimbeje-mbeje namhla bagqusha eluthuthwini.

6. Isikreqo sabantu bakowethu singaphaya kwesono saseSodom,yona yadilizwa ngequbuliso kungekho bani ufake isandla.

7. Iinkosana zayo zazikhanya ngaphezu kwekhephu,zimhlophe kunobisi,imizimba yazo ibukeka ngaphezu kweerubhi,zinomkhitha okwesafire.

8. Kodwa ngoku zimnyama kunomsizi;azaziwa xa zihamba esitalatweni.Ulusu lwazo lushwabene lwathi nca emathanjeni;lome okweenkuni.

9. Banethamsanqa abafe ngekrele kunabo babulewe yindlala;bayaphela ngenxa yephango, kuba akukho kudla emasimini.

funda isahluko epheleleyo Izililo 4