Testamente Endala

Testamente Entsha

Izililo 1:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ndakhala kwizithandwa zam,kodwa zandikhohlisa.Ababingeleli bam, namadoda amakhulu, âtshabalala esixekweniefuna ukudla ukuze ahlaziyeke.

20. Khangela, Ndikhoyo, ndibandezeleke kakhulu;amathumbu am ayaxuxuzela.Intliziyo yam ikhathazekile,kuba ndisuke ndangenwa luvukelo.Phandle phaya ikrele liyabhubhisa,ngaphakathi kukufa kodwa.

21. Ivakele incwina yam,kodwa akakho ondithuthuzelayo.Zonke iintshaba zam zivile ngobubi obundihleleyo;ziyagcoloda yinto ondenze yona.Ibinga ingade ifike imini owawuyixelile,ukuze nazo zifane nam.

22. Khawuyibone yonke inkohlakalo yazo,nazo uziphathe ngale ndlela undiphethe ngayongenxa yazo zonke izikreqo zam.Ndincwina ndincwinile;umxhelo wam uwile.

funda isahluko epheleleyo Izililo 1