Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 8:6-19 Ibhayibhile (XHO96)

6. Phulaphulani, kuba ndiza kutheth' izintw' ezibalaseleyo;yivani, kuba ndiza kuyixel' imfanelo.

7. Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth' inyaniso,kuba ke mna ndiyithiyil' inkohlakalo emilebeni yam.

8. Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.

9. Kumntu oqondayo onke acacile;kwâbo baziyo onke alungile.

10. Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.

11. Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.

12. “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;ndixakath' ulwazi kunye nokulungelelanisa.

13. Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

14. Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.

15. Ewe, oozikumkani balawula ngam,neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.

16. Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.

17. Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.

18. Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.

19. Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 8