Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 6:25-35 Ibhayibhile (XHO96)

25. Sukunikezela umncwase ngenxa yobuhle bakhe;sukumkhathalela nokuba selecela amehlo.

26. Ihenyukazi ungalithenga nangesonka,kanti yena umkrexezikazi angakwenza uphulukane nobomi bakho.

27. Khawutsho! Uthi ungawufaka esifubeni sakho umliloize impahla yakho ingatshi?

28. Uthi ungawanyathela amalahle avuthayozize zingatshi iinyawo zakho?

29. Kunjalo ke kumntu owambatha umka-mntu:akukho namnye omchukumisayo oya kuba msulwa.

30. Aligxekwa kangako iselaxa lisiba kuba lilambile.

31. Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.

32. Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.

33. Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.

34. Kaloku indoda enobukhwele inengcwangu;ithi ke apho iziphindezela khona ingabi nanceba.

35. Ewe, xa sele ikuloo meko ayiva zicengo,kungekho nantlawulo iya kuyamkela noba ingakanani na.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 6