Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 5:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Uyakuwexula kwindlela eyeyobomi;ube wena ungayazi loo nto.

7. Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,ningashenxi koko ndinixelela kona.

8. Ewe, ndithi mcezeleni umfazi onjalo,ningasondeli nasemnyango wendlu yakhe,

9. hleze amandla enu axhatshazwe ngabanye,niyinike isikhohlakali iminyaka yenu.

10. Ewe, xa ningeva ikamva lenu liya kuxhanyulwa ngabasemzini,zize zona izinto eniziqwebileyo zibe sisisulu seentlanga.

11. Ekugqibeleni ke yoba ziincwina zodwa ugcuma,ube wona umzimba wakho uvuthuluka nezihlunu zawo.

12. Uya kuthi: “Akwaba ndandingazange ndiyithiye ingqeqesho;akwaba ndandiziphulaphule iziluleko.

13. Ngenene zange ndiwaphulaphule amazwi âbo babendiyala,zange ndiyibazele iindlebe imfundiso yabandilulekayo.

14. Ngoku ke naku ndizibhaqa sendisehlazweniekuhlaleni naseluntwini.”

15. Nyaniseka kumfazi wakho;ewe, sela amanzi kwelakho iqula.

16. Ngani ukuba abantwana bakho bathi saa,oku komthombo omanzi wawo aphuphumela esitalatweni?

17. Abantwana bakho mayibe ngabakho wedwa;sukuvuma baxhatshazwe nangabasemzini.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 5