Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 5:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Abantwana bakho mayibe ngabakho wedwa;sukuvuma baxhatshazwe nangabasemzini.

18. Ewe, ziyolise nomfazi wakho weenkomo,abe ngumthombo olithamsanqa lakho –

19. nditsho loo nzwakazi imanz' andonga,elo bhadikazi lihle kunene!Isifuba sayo sanga singakutsho ube nemihlali,ikurhawule ngolo thando lwayo, utsho uthi ncithi.

20. Mfo wam, ngani ukuba ude uthinjwe ngumfazi ongakwaziyo ukuziphatha?Ngani ukuba ugonane nomka-mntu?

21. Kaloku zonke izinto ezenziwa ngumntu ziyabonwa *nguNdikhoyo;zonke iindlela zakhe uzijongile.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 5