Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 5:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngenene zange ndiwaphulaphule amazwi âbo babendiyala,zange ndiyibazele iindlebe imfundiso yabandilulekayo.

14. Ngoku ke naku ndizibhaqa sendisehlazweniekuhlaleni naseluntwini.”

15. Nyaniseka kumfazi wakho;ewe, sela amanzi kwelakho iqula.

16. Ngani ukuba abantwana bakho bathi saa,oku komthombo omanzi wawo aphuphumela esitalatweni?

17. Abantwana bakho mayibe ngabakho wedwa;sukuvuma baxhatshazwe nangabasemzini.

18. Ewe, ziyolise nomfazi wakho weenkomo,abe ngumthombo olithamsanqa lakho –

19. nditsho loo nzwakazi imanz' andonga,elo bhadikazi lihle kunene!Isifuba sayo sanga singakutsho ube nemihlali,ikurhawule ngolo thando lwayo, utsho uthi ncithi.

20. Mfo wam, ngani ukuba ude uthinjwe ngumfazi ongakwaziyo ukuziphatha?Ngani ukuba ugonane nomka-mntu?

21. Kaloku zonke izinto ezenziwa ngumntu ziyabonwa *nguNdikhoyo;zonke iindlela zakhe uzijongile.

22. Ke zona izenzo zomntu okhohlakeleyo zibambisa kwayena,ajike akhonkxwe kwasisono sakhe.

23. Ubulawa kukungaqeqesheki;ewe, uphuphuthekiswa bubuhiba bakhe.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 5