Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 4:13-27 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;yilondoloze, kuba ibubomi bakho.

14. Musa ukuhambisana nabantu abakhohlakeleyo,ungahambi nasekhondweni labenzi bobubi.

15. Ewe, ndithi zicezele iindlela zabo, ungahambi ngazo.Shenxa kuzo, uhambe uzigqithe.

16. Kaloku izikhohlakali azaneli kukulala zingenzanga nto imbi.Ewe, ziphuthelwa ubusuku bonke, zide zibe zenzakalise umntu.

17. Kaloku inkohlakalo sisonka abasidlayo;ubundlobongela yiwayini abayiselayo.

18. Ke yona indlela yamalungisa ifana nemitha yokusa,yona iya iqaqamba ngokuqaqamba de ibe yimini epheleleyo.

19. Kambe ke zona iindlela zabakhohlakeleyo zingumnyam' ombonde-mbonde.Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.

20. Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.

21. Amazwi am makangacimi emehlweni akho,koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

22. Ewe, abubomi kwabo bawafumeneyo;ayimpilo kumzimba xa uwonke.

23. Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,kuba yona ingumthombo wobomi.

24. Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.

25. Makathi ntshoo phambili amehlo akho,neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

26. Qiqa phambi kokuba ubeke unyawo lwakho endleleni,ukuze ihambo yakho iqiniseke.

27. Musa ukujika-jika uye ngasekunene nangasekhohlo;unyawo lwakho malubucezele ububi.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 4