Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 4:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.

2. Ndininika eyona mfundiso iyiyo,ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.

3. Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,ndiselula, ndinguyedwa kamama,

4. utata wayendiyala athi:“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,ungayilibali imiyalelo yam;yigcine imithetho yam, uphile.

5. Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!

6. Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.

7. Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.

8. Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa;bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo.

9. Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho,bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.”

10. Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,uze udle ubomi iminyaka emininzi.

11. Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 4