Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 31:7-22 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8. “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9. Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

10. Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11. Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,futhi ke ayihlelelekanga nganto.

12. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,yonke imihla yobomi bakhe.

13. Uthatha umqhaphu newulu,asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.

14. Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,efuna ukutya kosapho nakwelikude.

15. Uvuka kusathi qhekre ukusa,alungiselele usapho ukutya,anike izicakazana zakhe imiyalelo.

16. Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.

17. Usoloko ebhinqa omfutshane;iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.

18. Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;isibane sakhe asicimi ebusuku.

19. Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.

20. Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.

21. Akanaxhala noba selikhithika,kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.

22. Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;unxiba ezelaphu elihle elimsobo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 31