Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 31:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.

6. Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,abo baminxekileyo ziinzingo.

7. Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8. “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9. Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

10. Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11. Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,futhi ke ayihlelelekanga nganto.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 31