Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 31:19-31 Ibhayibhile (XHO96)

19. Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.

20. Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.

21. Akanaxhala noba selikhithika,kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.

22. Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;unxiba ezelaphu elihle elimsobo.

23. Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.

24. Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.

25. Uthiwe jize ngamandla nesidima,ibe ke akanaxhala ngengomso.

26. Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.

27. Ulalusile ikhaya lakhe;akasidli isonka sobuvila.

28. Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:

29. “Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;kodwa wena ubagqwesa bonke!”

30. Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.

31. Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 31