Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 31:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina.

2. “Awu, mtanam, sana lwesizalo sam,nyana wezibhambathiso zam,

3. amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana,iindlela zakho ungazilahleli kwabo babhangisa ookumkani!

4. “Lemweli, iwayini ayibafanelanga ookumkani,ewe, ookumkani ayibafanelanga;iziphathamandla akulunganga zizinikele etywaleni.

5. Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.

6. Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,abo baminxekileyo ziinzingo.

7. Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8. “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9. Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

funda isahluko epheleleyo Izafobe 31