Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 31:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. La ngamazi kakumkani uLemweli, udaba olundilisekileyo awaqeqeshwa ngalo ngunina.

2. “Awu, mtanam, sana lwesizalo sam,nyana wezibhambathiso zam,

3. amandla akho musa ukuwaqoba ngamankazana,iindlela zakho ungazilahleli kwabo babhangisa ookumkani!

4. “Lemweli, iwayini ayibafanelanga ookumkani,ewe, ookumkani ayibafanelanga;iziphathamandla akulunganga zizinikele etywaleni.

5. Kaloku zakusela zitsho ziwulibale umthetho,zingabi sawakhathalela amalungelo abantu abahlelelekileyo.

6. Utywala bufanele abo kungasekho thuba kubo,abo baminxekileyo ziinzingo.

7. Kaloku bona bakusela bayabulibala ubuhlwempu babo,bangabi sazikhumbula neengxaki zabo.

8. “Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

9. Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.”

10. Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11. Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,futhi ke ayihlelelekanga nganto.

12. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,yonke imihla yobomi bakhe.

13. Uthatha umqhaphu newulu,asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.

14. Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,efuna ukutya kosapho nakwelikude.

15. Uvuka kusathi qhekre ukusa,alungiselele usapho ukutya,anike izicakazana zakhe imiyalelo.

16. Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.

17. Usoloko ebhinqa omfutshane;iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 31