Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 3:23-32 Ibhayibhile (XHO96)

23. utsho uhambe ungenaxhala,unyawo lwakho lungenakukhubeka ntweni.

24. Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,ulale uthi yoyi ubusuku bonke.

25. Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.

26. Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.

27. Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28. Musa ukuthi kummelwane wakho:“Hamba, uze uphinde ubuye;ndiya kukunika ngomso,”kanti unalo uncedo kuwe.

29. Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.

30. Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.

31. Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.

32. Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 3