Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 27:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. Amatye nesanti ngumthwalo onzima;kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.

4. Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.

5. Akunani kwaisiluleko esisekuhlenikunothando olufihlwayo.

6. Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.

7. Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi,kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.

8. Umntu okude nekhayaunjengentaka elahlekene nendlu yayo.

9. Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo;ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.

10. Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.

11. Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko;ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.

12. Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

13. Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe;ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.

14. Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekusenikusenokuba ngathiuyamshwabulela.

15. Umfazi osoloko eqhwaya ingxabanoufana namathontsi emvula engumvimbi.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 27