Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 27:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Musa ukuqhayisa ngengomso,kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.

2. Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo;ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.

3. Amatye nesanti ngumthwalo onzima;kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.

4. Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.

5. Akunani kwaisiluleko esisekuhlenikunothando olufihlwayo.

6. Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.

7. Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi,kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.

8. Umntu okude nekhayaunjengentaka elahlekene nendlu yayo.

9. Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo;ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 27