Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 25:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.

22. Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,*noNdikhoyo wokuvuza.

23. Umoya wasentla uzisa imvula,kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.

24. Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

25. Iindaba ezimnandi ezivela kwelikudezihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.

26. Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyoloo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.

27. Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga;kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.

28. Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengenioku kwesixeko esindongaziwileyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 25