Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 25:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. Malungaquqi gqitha unyawo lwakho kwammelwana,hleze akruquke nguwe, akucaphukele.

18. Umntu otshonisa ummelwana wakhe ngobungqina obubuxokiuyingozi nqwa negqudu, umkhonto, okanye utolo.

19. Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazwenikufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.

20. Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.

21. Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.

22. Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,*noNdikhoyo wokuvuza.

23. Umoya wasentla uzisa imvula,kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.

24. Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

25. Iindaba ezimnandi ezivela kwelikudezihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.

26. Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyoloo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.

27. Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga;kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.

28. Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengenioku kwesixeko esindongaziwileyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 25