Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 25:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Umthunywa onyanisekileyo kwabo bamthumayouhlaziya inkosi yakhe oku kwekhephu ngexa lokuvuna.

14. Umntu ozigwagwisa ngokupha omnye isipho angenasoufana namafu anomoya angenamvula.

15. Umlawuli uyacengeka ngumntu onomonde,namazwi athambileyo amenza anikezele.

16. Wakufumana ubusi butye uzilinganisela,hleze bubuye wakubutya gqitha.

17. Malungaquqi gqitha unyawo lwakho kwammelwana,hleze akruquke nguwe, akucaphukele.

18. Umntu otshonisa ummelwana wakhe ngobungqina obubuxokiuyingozi nqwa negqudu, umkhonto, okanye utolo.

19. Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazwenikufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.

20. Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.

21. Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 25