Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 24:6-21 Ibhayibhile (XHO96)

6. Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.

7. Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.

8. Umntu osoloko eyila ukwenza ububiuya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.

9. Amayelenqe esidenge ayafadalala;ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.

10. Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,awunawo amandla okujongana nawo.

11. Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12. Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –ukujongile, yaye uyakwazi.Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

13. Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.

14. Bukwanjalo ukuyola kobulumko:ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,nethemba lakho linganqanyulwa.

15. Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,nomzi wakhe sukuwonakalisa.

16. Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17. Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18. hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19. Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20. Kaloku umenzi wobubi akanakamva;isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21. Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,ungadlelani nabavukeli.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 24