Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 24:23-34 Ibhayibhile (XHO96)

23. Nanga amanye amazwi ezilumko:Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.

24. Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.

25. Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyouba nentsikelelo kunye nenkqubela.

26. Impendulo ethe gcanqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.

27. Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,emva koko wakhe indluyakho.

28. Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,okanye ukhohlise ngomlomo wakho.

29. Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”

30. Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.

31. Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.

32. Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba

33. xa uthe: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,khe ndisonge izandla,ndiphumle,”

34. ubuhlwempu bosuka bukuchwechwele njengomkhuthuzi.Ewe, ihambo-nzima iza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 24