Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 24:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12. Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –ukujongile, yaye uyakwazi.Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

13. Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.

14. Bukwanjalo ukuyola kobulumko:ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,nethemba lakho linganqanyulwa.

15. Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,nomzi wakhe sukuwonakalisa.

16. Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17. Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18. hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19. Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20. Kaloku umenzi wobubi akanakamva;isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21. Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,ungadlelani nabavukeli.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 24