Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 24:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo,ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo.

2. Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela,nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu.

3. Indlu yona yakhiwa ngobulumko,izinziswe ngengqondo.

4. Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.

5. Umfo osisilumko unamandla;ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.

6. Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.

7. Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.

8. Umntu osoloko eyila ukwenza ububiuya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.

9. Amayelenqe esidenge ayafadalala;ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.

10. Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,awunawo amandla okujongana nawo.

11. Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12. Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –ukujongile, yaye uyakwazi.Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 24