Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 23:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko.Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe.

8. Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo,ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma.

9. Musa ukulahla amazwi akho kumntu osisityhakala;kaloku uya kubudela ubulumko bamazwi akho.

10. Ungaze uwugudlule umlima-ndlela wakudala,nomhlaba weenkedama musa ukuwohlutha.

11. Kaloku uMkhululi wazo unamandla;nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo.

12. Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho,uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo.

13. Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana;ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa.

14. Kaloku ngokumohlwaya umntwanauhlangula ubomi bakhe ekufeni.

15. Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.

16. Ewe, ndingatsho ndibe nebhongoxa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.

17. Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.

18. Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.

19. Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;yigqale indlela oziphatha ngayo.

20. Musa ukuvana nabantu abanxilayo;ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.

21. Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,namathongorha ambatha amadlavu.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 23