Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 23:11-25 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kaloku uMkhululi wazo unamandla;nguye oya kubambana nawe ngenxa yazo.

12. Zimisele ukuyiphulaphula ingqeqesho,uyibazele iindlebe yonke into oyifundiswayo.

13. Sukuyekelela ukumqeqesha umntwana;ukuba uyamohlwaya ngoswazi akayi kufa.

14. Kaloku ngokumohlwaya umntwanauhlangula ubomi bakhe ekufeni.

15. Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.

16. Ewe, ndingatsho ndibe nebhongoxa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.

17. Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.

18. Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.

19. Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;yigqale indlela oziphatha ngayo.

20. Musa ukuvana nabantu abanxilayo;ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.

21. Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,namathongorha ambatha amadlavu.

22. Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.

23. Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.

24. Unebhongo umzali womntwana olilungisa;ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.

25. Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 23