Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 21:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo,kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.

6. Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.

7. Ubundlobongela bezikhohlakali buyaziqweqwedisa,kuba azivumi ukwenza okufanelekileyo.

8. Iindlela zomntu onetyala zigoso-goso,kodwa ke yena umntu omsulwa wenza imisebenzi efanelekileyo.

9. Akunani kwaukuhlala wedwa, noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

10. Umntu okhohlakeleyo usoloko elambele ukwenza into embi;ummelwane wakhe akafumani nceba kuye.

11. Akohlwaywa umgxeki, nabangaqondiyo batsho bafumane isifundo;sakufundiswa isilumko, sizuza ukwazi.

12. UThixo olilungisa uyazazi izinto ezenzeka kwimizi yabantu abakhohlakeleyo,yaye ke eya kuzibhangisa izikhohlakali ngenxa yobubi bazo.

13. Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibikanaye akayi kuhoywa xa esengxakini.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 21