Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 21:26-31 Ibhayibhile (XHO96)

26. Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

27. Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.

28. Ingqina elixokayo liyabhanga;kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.

29. Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo,onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.

30. Ubulumko nengqondo kunye namacebo omntuakanakumelana nentando kaNdikhoyo.

31. Amahashe angayiqeqeshelwa imfazwe,kodwa nguNdikhoyo onika uloyiso.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 21