Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 21:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha,siyidilize inqaba athembele kuyo.

23. Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakheukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.

24. Umntu ozigwagwisayo enendelelo kuthiwa ngumgxeki –usisityhuthu-tyhuthu esingakhathalele mntu.

25. Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo;kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.

26. Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

27. Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 21