Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 21:13-21 Ibhayibhile (XHO96)

13. Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibikanaye akayi kuhoywa xa esengxakini.

14. Isipho umntu asinikwa ngasese sithomalalisa umsindo;ewe, isicengo esigushiweyo sithothisa ingqumbo.

15. Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni,kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.

16. Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo,uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.

17. Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu;kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.

18. Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo,othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.

19. Kubhetele ube lilolo entlango,kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.

20. Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma,kodwa sona isiyatha sizavaza konke.

21. Umntu oxunela ubulungisa nencebaufumana ubomi nobulungisa nodumo.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 21