Testamente Endala

Testamente Entsha

Izafobe 21:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ingqondo kakumkani isesandleni sikaNdikhoyo;uyilawula ngokuthanda kwakhe, ngathi kukuhamba komlambo.

2. Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

3. Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqokwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

4. Amehlo azigwagwisayo nentliziyo ezidlayo,nditsho isibane sezikhohlakali, sisono.

5. Amacebo omntu okhutheleyo amnika indyebo,kodwa ke yena umntu otyhuthuzayo uzibizela ubuhlwempu.

6. Ubutyebi obufumene ngobuqhetseba buphephetheka njengenkungu,futhi bukubeka emngciphekweni wokufa.

funda isahluko epheleleyo Izafobe 21